USteve Barker emdlalweni weNedbank Cup obuphakathi kweStellenbosch FC neKaizer Chiefs ngoMgqibelo odlulileyo eNelson Mandela Bay Stadium.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Emva kwegowuli lokulinganisa elifakwe nguAndre De Jong, uSteve Barker uvuye ngendlela emangalisayo. Ukungafuni ukubethwa yiKaizer Chiefs bekubhalwe ngokucacileyo ebusweni bakhe. Kodwa kwimizuzu emithandathu emva kwegowuli likaDe Jong, umqeqeshi ushiyeke enencilikithi futhi ebonakala ukuba unemibuzo - kodwa engazi ukuba makathini.
Oku kwenzeke emva kokuba iStellenbosch FC iguqiswe phantsi yiChiefs ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium ebigcwele abalandeli bebhola ekhatywayo. Nakubeni iChiefs ikhokele ngegowuli elifakwe ngepenela ekhatywe ngu-Inacio Miguel kwisigaba sokuqala, igowuli elifunyenwe nguDe Jong emzuzwini wokugqibela linike iStellenbosch ithemba lokubhukuqala iChiefs phambi kwenyambalala yabantu.
Endaweni yoko, uPule Mmodi ufake igowuli uSikhumbuzo Gasa nomncedisi wakhe abaphikisene ngalo. Usompempe uye wayinika iChiefs igowuli emva kokudlana iindlebe nabancedisi bakhe. Oku kwenzeke emva kokuba uSage Stephens ebonakele egilwa kancinci nguMotlou ezama ukubamba ibhola edibene noMmodi wayifaka emnatheni.
Ibilityeli lesithathu iStellenbosch ibethwa yiChiefs kule sizini eqhubekayo. UBarker, obebonakala ukuba akonwabanga emva komdlalo obunzima eGqeberha, uthe akazukuthetha ngomdlalo. Endaweni yoko, umqeqeshi weStellies ukhumbuze umsasazi kaSuperSport TV ngezinto ezingathandekiyo ezehlela iqela lakhe emidlaleni yangaphambili athe zifana nokwenzeke emdlalweni obuseGqeberha.
"Andifuni ukuthetha ngomdlalo. Kwiminyaka emibini eyadlulayo sidlala umdlalo weMTN8 Cup, safumana ipenela sekuphela ixesha sidlala neChiefs. Zange siyinikwe eDanie Craven Stadium," utshilo uBarker esisifu ngumsindo. "Sidibene nePirates kwisizini egqithileyo, igowuli lafakwa ibhola ibekwe phambili kwindawo efanelekileyo. Namhlanje umcedisi kasompempe uphakamise ilaphu ebonisa ukuba unozinti wethu udlalwe kakubi.
"Naleyo ijikiwe ngusompempe ngoku nathi siyibonileyo into eyenzekileyo. Yintoni endingayithetha ke? Enkosi," uvale ngaloo mazwi umqeqeshi weStellenbosch ephuncukwe nayindebe yeCarling Knockout ekuqaleni kwesizini eqhubekayo. Ngoku iStellies iza kudibana neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership kwimpelaveki ezayo ePolokwane.
Related Topics: