UJose Riveiro ngumqeqeshi we'Orlando Pirates oqhube kakuhle kwiNedbank Cup.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Emva komdlalo obunzima, uJose Riveiro, uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo ophele ngokukhatywa kweepenela - kodwa wavuma ukuba i'Orlando Pirates yenze iimpazamo ezibangele ingadlali ngendlela ebilindelekile.
Ukuthethe oku emva kokuba iPirates idlule kwiSuperSport United ngo'5-4 kwiipenela emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe e'Old Peter Mokaba Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo. Umdlalo uye kwixesha elongezelelweyo wavalwa ngeepenela emva kokuba amaqela ewugqibe ebambene ngamagowuli amabini macala.
Ikhokele kuqala iPirates kabini emdlalweni - kodwa ayikwazanga ukuvala kwaphela. Amatsatsantsa asePitoli alwe ngendlela encomekayo emdlalweni obusePolokwane. USipho Chaine, owenze iimpazamo emdlalweni, uncede iPirates ngokuvimba iipenela ezimbini yatsho yadlulela kumjikelo olandelayo iPirates kwakhona kwiNedbank Cup.
"Kubekhona ukungadlali kakuhle kuthi emizuzwini yokugqibela yomdlalo. Sibavumele abadlali beSuperSport bakwazi ukuthathela kubo ibhola," utshilo uJose Riveiro emva komdlalo. Omabini amagowuli abambezele impumelelo yePirates afakwe ngemizuzu yokugqibela kwisigaba sokuqala nakwesesibini.
Kuye kwamnandi kodwa kuRiveiro ngoba iqela lakhe likwazile ukuya phambi kwiNedbank Cup elizama ukuyiphumelela okwesine iminyaka ilandelelana. "Abadlali abayingozi njengoBradley Grobler, uVincent Pule noChristian Saile basonzakalisile emhlabeni kanozinti. Xa ungakwazanga ukuphumelela emdlalweni nakwixesha elongezelelweyo, uya kwiipenela.
"Ngethamsanqa, siqhube kakuhle kuzo. Kundonwabisa kakhulu ukuya phambili kwiNedbank," utshilo umqeqeshi. Umncome kakhulu uSipho Chaine owenze umsebenzi oncomekayo kwakhona kwiipenela. "Ngumsebenzi wakhe ukusinceda xa kukhatywa iipenela. Kunyanzelekile ahlale phakathi kweepali azame ukunceda iqela nokuba yibhola enye.
"Usincedile amatyeli aliqela ngaphambili kwiipenela. Kwakhona namhlanje wenze umsebenzi omhle kakhulu noTyron Damons oyintlola yenkcukacha," uvale ngaloo mazwi uRiveiro emva kokubetha iSuperSport okwesibini emdlalweni wendebe kule sizini eqhubekayo. IPirates iza kudibana neMarumo Gallants emdlalweni weNedbank Cup olandelayo.
Related Topics: