UHugo Broos ulindele imidlalo enzima kakhulu njengokuba aBafana Bafana bezama indlela yokuya kwitumente yehlabathi ezayo.
Image: Backpagepix
Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo liza kulwela ukufumana amanqaku apheleleyo emidlalweni ezayo. Oku kuthethwe nguHugo Broos enkampini yaBafana Bafana abalungiselela kuo ukuqubisana neLesotho emdlalweni ohlakulela i2026 Fifa World Cup oza kube usePeter Mokaba Stadium emalanga ngoMgqibelo.
Emva kweminyaka aBafana Bafana bangadlaleli ukudlalela eLimpopo, kule veki badlala umdlalo obalulekileyo noomakhelwane. Amalungiselelo akaqalanga kakuhle ngenxa yokungabikho kwabadlali abathile. UPatric Maswanganyi noAubrey Modiba abakwazanga ukuba yinxalenye yeqela lesizwe kule veki ngendlela ebekucwangciswe ngayo.
ABafana Bafana baza kudibana neLesotho neBenin emidlalweni abafuna kuyo amanqaku amathandathu anokubasondeza kwitumente yehlabathi ezayo. Phakathi kwabadlali athembele ngabo uHugo Broos kukho uPercy Tau odlala eQatar noLyle Foster odlalela iqela elikhulu eJamani.
UMqeqeshi ukwamkele ngovuyo ukufika kwabadlali bakhe nakubeni ephoxwe kukungabikho kwababini. "Ndiyayithanda indawo esizilungiselela kuyo ngoba inocwangco futhi namabala asemgangathweni omhle. Abantu balapha bayayazi indlela yokuphatha iqela lesizwe," utshilo uBroos onomsebenzi onzima wokubuyisela uMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi owayigqibela ngo2010.
UMzantsi Afrika ubambene ngamanqaku amathandathu neRwanda kwindawo yokuqala. UHugo Broos uthi kungakuhle ukuba aBafana Bafana bangaphumelela imidlalo emibini abajongene nayo. "Yimidlalo ebalulekile kuthi le siza kuyidlala ngoba ingasisa kwiFifa World Cup. Ndicinga ukuba singawenza umtsi omkhulu emidlalweni esijongene nayo.
"Nangona sisazi ukuba siza kusokola - kodwa siza kuzama ukudlalela ukuphumelela kuyo yomibini imidlalo. ILesotho liqela elidlala kakuhle. Silindele ukuba izilwele xa idibene noMzantsi Afrika. Ndicinga ukuba iza kudlala ikhuthazekile ngoba idlala noMzantsi Afrika. Yiyo lo nto ndisithi silindele umdlalo onzima," utshilo umqeqeshi.
Related Topics: