Indoda igwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu ngokubulala kuKomani. Umfanekiso: George Hodan/Public Domain
Inkundla yengingqi yakuKomani imgwebe iminyaka elishumi elinesihlanu uSimphiwe Tukushe (30) waseMkhonjana ngetyala lokubulala. Inkundla yaphinda yambhengeza njengomntu ongafanelekanga uphinda abe nompu.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uCaptain Yolisa Mgolodela, esi sigwebo silandela isiganeko esenzeke ngomhla we5 kweyoMqungu 2023 malunga nentsimbi yesihlanu kusasa.
“Umntu ongasekhoyo ebesindleke izihlobo endlini yakhe ngethuba kuqhambuka ingxabano phakathi kwakhe noTukushe. Ingxabano iye yaqatsela, nto leyo eyakhokelela ekubeni uTukushe akhuphe imela ahlabe ongasekhoyo entanyeni,” utshilo uMgolodela.
Ixhoba liye labalekiselwa kwisibhedlele iFrontier kuKomani, kodwa kwabhengezwa ukuba libhubhile ukufika kwalo.
Amapolisa aphendula ngokukhawuleza ambamba uTukushe kwangaloo mini. Wavela okokuqala enkundleni ngomhla we9 kweyoMqungu 2023, apho waye wafumana ibheyile.
UTukushe ebengaphandle ngebheyile ngethuba evela enkundleni amatyeli aliqela kwinkundla yengingqi yakuKomani. Nangona kunjalo, emva kokuxoxwa kwetyala, wagwetywa nge14 kweyoMdumba 2025.
Ibambela loMkomishinala weSithili uBrigadier Gcinumuzi Wiseman Chiya uthe, “Esi sigwebo sisebenza njengesithintelo esimandla kwabo bangabuhoyanga ubomi bomntu. Siyayincoma inkundla ngokuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka.”
Related Topics: