Indoda engenalungu lobudoda ebityholwa ngodlwengulo iza kufumana imbuyekezo. Umfanekiso: Darrin Klimek
UMphathiswa wamaPolisa kufuneka ahlawule iR800 000 yembuyekezo indoda emva kokuba ibanjelwe ityala lokudlwengula umntwana wommelwane, nangona le ndoda yayingenalungu lobudoda njengoko yanqunyulwa kwiminyaka edlulileyo xa yayineminyaka elishumi elinesibini ubudala.
Le ndoda, nengachazwanga igama ukukhusela isidima sayo, yabhenela kwinkundla ephakamileyo yaKwaZulu Natal, ebichophele eMgungundlovu, nalapho yabanga intlawulo ngokubanjwa nokuvalelwa kwayo ngokungekho mthethweni.
Kwanyanzeleka ukuba achithe iintsuku ezingama54 kwisisele esimdaka phambi kokuba iGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lirhoxise izityholo awayebekwa zona.
Inkundla yalikhaba ibango lakhe lokutshutshiswa ngokungafanelekanga yiNPA, njengoko yaqiqa ngelithi isimangalo sarhoxiswa phambi kokuba atshutshiswe.
Le ndoda, 26, kwafuneka ihlale entolongweni nangona umcuphi waxelelwa nguyise ukuba akanalungu lobudoda.
Ipolisa lathi cwaka ixesha elide ngale nto. Ummangali uxelele inkundla ukuba ngomhla wama26 kweyoKwindla ngo2020 wabanjwa ngokungekho mthethweni ngamapolisa ase’Ezakheni ekhayeni lakhe eLadysmith, eKZN ngetyala lokudlwengula.
Wavela phambi kwenkundla emva kweentsuku ezine wayalelwa ibheyile. Emva kokuba egcinwe kwizisele zesikhululo samapolisa sasekuhlaleni, watshintshelwa kwiziko loluleko laseLadysmith de wakhululwa ngomhla we18 kuCanzibe 2020 xa ityala lakhe larhoxiswayo.
Ngelixa amapolisa athi achasene nebango lembuyekezo kwaye avele azikhanyela ngokuphandle iingxelo, ngaphandle nje kokuba ebebanjiwe. Xa eli tyala lalichotshelwa, amapolisa awazange aye enkundleni ukuze azithethelele.
Kusenjalo, ummangali uxelele inkundla ukuba emva kokubanjwa kwakhe ugcinwe kwisisele esincinci esikhululweni samapolisa esinendlu yangasese engagungxuliyo nanjengoko amanzi bengekho.
Ukwathe isisele saxinana kangangokuba kwafuneka alale phezu kwengubo phantsi.
Kukwavela ukuba nangona wayetyholwa ngokudlwengula, nto leyo awayeyikhanyela, akazange axelele amapolisa ngelo xesha ukuba wayengenakuyenza loo nto nanjengoko wayengenalungu lobudoda.
Ngexesha lokuvela kwakhe okokuqala enkundleni, utata wakhe weza enkundleni waxelela umcuphi wetyala ukuba unyana wakhe waxhwilwa eSoweto ngo2013 ze wanqunyulwa ilungu lobudoda.
Nangona kunjalo, igosa eliphandayo alizange liwaphande amabango kayise, alizange lixelele nomtshutshisi ngalo. Uvele wathula kwaye kwaba semva kokuchitha phantse iinyanga ezimbini entolongweni, apho ugqirha ekugqibeleni wamxilonga waqinisekisa ukuba akanalungu lobudoda.
Emva kokuba kuqinisekisiwe ukuba wayengenakulenza eli tyala kwaye nomtshutshisi waxelelwa malunga noku, ityala larhoxiswa.
Xa ivavanya isixa-mali sembuyekezo ekufanele sikhutshwe, inkundla ithe akukho bungqina buninzi obubekwe phambi kwayo malunga neemeko zobumdaka kwisisele ebekuso.
Kodwa inkundla ithe ayiphikisi into yokuba iintolongo zoMzantsi Afrika zixinene ngokugqithisileyo okubangela iimeko ezingentle kumabanjwa.
Inkundla ikwagxeke ukungakhathali kwegosa elicuphayo ukuze liqinisekise iinkcukacha zokuba le ndoda ayinako ukwenza ityala kwaye yazise umtshutshisi ngayo.
Oku kwakhokelela ekubeni avalelwe ngokungekho mthethweni, itshilo inkundla. Inkundla yamkele into yokuba akazange enze olu dlwengulo kwaye yaphawula ukuba akazange afumane noxolo emapoliseni, okanye nengcaciso yokuba wayebanjelwe ntoni. Endaweni yoko, amapolisa awakhange azikhathaze nangokuya enkundleni ukuze azicacise, itshilo inkundla.
Eli bali liqale lavela kwiPretoria News.
Related Topics: