News

hy hy hy

Unathi Kondile|Published

Nali zidwesha; iphephandaba lesiXhosa lemihla ngemihla lokuqala. Mvulo, Lwesibini, Lwesithathu, Lwesine nangoLwesihlanu lakube likwiivenkile.

Umxholo wethu kukuvuselela isizwe samaXhosa ngesiXhosa, sikwanazo neenjongo zokudala amathuba okubhala ngesiXhosa nokuba sisithuthi sezimvo zabantsundu kwiphonda laseMpuma Koloni. Kaloku isizwe esingenalwimi sisizwe esitshabileyo; asikho.

Senze uphando-sifundo olunzulu, sizula-zula eliphondo sifuna ukubona ukuba inene na ikhona imfuneko yephephandaba lesiXhosa kweli. Imvo Zabantsundu zatshona koka-1998 kwaze ke kwamane kuvela kutshona namanye amaninzi. Ndiwaqhwabela izandla amaphepha afana nooZithethele pha eBhayi kunye neSkawara kwelacala lakuCofimvaba. Bayazama, kwaye nathi singathanda ukusebenzisana nabo ekuhambeni kwexesha. Ukukhula kwamaphepha esiNtu kwakuqala ngokumanyana kwawo bafuna ukuwapapasha. Noko, inani lamaXhosa akwaziyo ukufunda liqikelelwa kwizigidi ezine eMpuma Koloni.

Theth’ba kwezozigidi zine asinokukwazi ukufumana nokuba sisigidi esinye sabafundi?

Theth’ba bonke abantu bakuthi abasoloko besithi “simnandi isiXhosa!” okanye “liyafuneka iphepha lesiXhosa!” bangasuke bangalixhasi xa sele likhona?

Abantu beliphondo bazibalula kwakwintsuku zamandulo ngokudlala indima ephambili kwizinto zelizwe nakuphuhliso ngokubanzi - kodwa bagqwesile kakhulu ngobuntu, ngokuthanda izinto ezintle, ubukroti, ubukhalipha nangokuzingca ngezithethe namasiko.

Nantsi ke enye into esinokuzingca ngayo. Eliphepha. Kuphando lwethu safumanisa ukuba uninzi lwamaXhosa athanda eligama lingu “I’solezwe” okanye iliso lezwe lesiXhosa ngokupheleleyo.

I’solezwe lesiXhosa lizakuwela umlambo ugcwele ukuze libuye neendaba zaseMpuma Koloni noMzantsi Afrika ngokubanzi. Eli iphepha ayilophepha elizakubalisa ngoothikoloshe okanye elizakukhwela lizehlela kurhulumente mihla nezolo. Sinenkolo yokuba umcimbi wephephandaba kukuba sisigidimi sabantu. Ewe, iphepha lingawamela amalungelo abantu, lingalandelela iingxaki zasekuhlaleni, lingasisithethi sabantu, njalo njalo. Kwaye sakubazizo zonke ezozinto. Kulamaphepha sizakuwakhupha yonke imihla sinqwenela ukufunda ngabantu bakuthi; amaphupha, amathuba kunye neendlela abazibona ngayo.

Ezemidlalo, ezemisebenzi, ezempilo, ezoshishino, ezenkolo nezesiNtu sakuzilandelela yonke imihla ukuze sikwazi ukwakhana. Ukuba unomdla wokusibhalela okanye ukuncokola nathi sifumaneka ku 043 721 1547. Sipha eVincent, eMonti, kwa 45 Devereux Avenue ukuba unomdla wokusityelela.