Lilo ke eli. Kwaye siyanimema ukuba nithathe inxaxheba, nisibhalele rhoqo, sikhe sibone ukuba asinokukwazi na ukudala iphepha lesiXhosa elomeleleyo.
Asinokuthi akukho nzima ukwenza iphepha lesiXhosa yonke imihla. Yinto nje engazange khe yenziwa kwimbali yeli. Kunzima.
Kuleveki iphelileyo umhleli weliphepha wayehleli kwinkomfa yoonondaba; kukho namagosa asuka kurhulumente nakwiinkampani zabucala. Apho ke kwashukuxwa udabi lokuza kweliphepha. Kwavakala ukuba kukho uloyiko lokuba abantu abazokulifunda iphepha lesiXhosa; “kunzima ukufunda isiXhosa!” ibe linqaku elinkqenkqeza phambili kwizimvo ngezimvo zabo bebehleli apho. Kuye kwakho namazwi afuna ukuqinisekisa ukuba ayizokuba liphepha eligcwele iimpazamo; ingakumbi ezopelo. Apho ke asikwazanga ukunika isiqinisekiso ncam ngoba usuku lwethu lweendaba lufutshane kwaye nababhali abaninzi abakakuqheli ncam ukubhala rhoqo ngesiXhosa. Into imbi. Kodwa ke sisimo esizifumana sikuso. Isisombhululo sinye, sesokuba siqhubeke sibhala 'de siqhele. Bekukho nengcingane yokuba kumemwe umhlohli wakwiYunivesithi yaseFort Hare okanye eWalter Sisulu ukuba enze uphando olunokuyila izifundiso zobuntatheli ngesiXhosa. Ukuba siyaqwalasela; sineYunivesithi yaseRhodes pha eRhini ejongwa njengeyona ihamba phambili kwizifundo zobuntatheli kweli, kodwa akho bafundi bafundiswa ukuba ziintatheli zesiXhosa. Mhlawumbi lifikile ixesha lokuphakama silwelwe abafundi bakweziYunivesithi ukuba banikwe ithuba lokufundiswa nangesiXhosa kwezinkqubo zabo. Njani ukuba abantwana bafundiswe ngesiNgesi bezakuxelenga okanye hlala kwiphondo elinesininzi sabantu abathetha isiXhosa? Ewe, bakhona abazakufunda bahambe kodwa iinjongo zokuba neeyunivesithi ezine kweliphondo zezokuba ziyile abantu abanokwakha eliphondo.
Ezi zizinto ekufuneka siziqwalasele ukuze singaziboni sesingakwazi ukuba namathuba, kwa kweliphondo. Bekumele ukuba sikhuthaza abafundi ukuba bahlale kweliphondo. Umbuzo iba ngu: Bahlalele ntoni? Akhona amathuba?
Sinethemba lokuba eliphepha ingaliqonga lethu sonke kweliphondo.
Sinethemba lokuba sakubhaqa ababhali abatsha.
Sinethemba lokuvumbulula italente entsha kweliphondo.
Masithetheni.